IMVUME YOKUFIKELELA KUMAHLATHI
KARHULUMENTE
EYENZELWE ULONWABO, IMFUNDO, KUNYE
NOKWANELISEKA NGOKWENKCUBEKO
OKANYE NGOKOMOYA
IMITHETHO JIKELELE KUNYE NEEMEKO
Le mvume ayidluliselwa komnye umntu kwaye kufanele ukuba ivezwe ukuba ifunwa lilo naliphina igosa lezamahlathi, igosa lezamahlathi elinikwe isikhundla nje ngegama, igosa lamapolisa okanye elinye igosa eligunyazisiweyo.
Inokubakhona intlawulo eyenzelwa imisebenzi ethile okanye eyokungena jikelele, apho ke irisithi eyahlukileyo iya kukhutshwa.
Wonke umntu ofumana indlela yokufikelela kumhlaba wamaHlathi kaRhulumente kufuneka ukuba aziphathe ngendlela ekhuselekileyo nenentlonelo kwaye abacingele abanye abasebenzisi bomhlaba.
Ukungena kunyiniwe phakathi kwentsimbi yesi-06:00 kunye neye-18:00 ku (kwi) mhla wokuba semthethweni, ngaphandle kwakwisehlo sohambo olude lwasebusuku.
Izenzo ezinxulumene nolonwabo, imfundo, inkcubeko okanye ukwaneliseka ngokwasemoyeni zinokwenzeka kuphela kwiindawo ezalathiweyo (kwiimaphu, kwiinkcazo zeendawo kunye/okanye kwiziphawuli zemizila kunye nezinye iimpawu). Iibhodi zezaziso kunye neempawu zemiqondiso kumaHlathi kaRhulumente mazithotyelwe.
Ukungena kumhlaba weHlathi likaRhulumente kunokwaliwa ngaphandle kokunika izizathu kwaye ukubhukisha kusenokurhoxiswa liSebe. Umhlaba weHlathi likaRhulumente okanye iziqephu zawo unokuvalwa ukuba kungafikeleli uwonke-wonke kwaye ukubaswa kwemililo kwiindawo ezikhethiweyo kunokuthintelwa ngamathuba abaluliweyo.
Akukho ngxolo okanye ezinye iziphazamisi ezinokuphazamisa abanye abasebenzisi bomhlaba weHlathi likaRhulumente okanye ezinye izinto zasendle, zivumelekileyo.
Ukulayitwa kwemililo kuyalelwa, ngaphandle kwakwiindawo ezenzelwe ngokukhethekileyo le njongo. Imililo mayingashiywa ingajongwanga, kwaye mayicinywe emva kokusetyenziswa.
Akukho nkunkuma, ukungcola okanye iziqulatho ezingenanto eziya kushiywa, zilahlwe phantsi okanye zibekwe kumhlaba weHlathi likaRhulumente ngaphandle kwakwiziqulatho zokungcola ezibekelwe ngokukhethekileyo loo njongo.
Akukho mntu makonakalise, asuse okanye aphazamisane naso nasiphi na isilumkiso sengozi, umda, ucingo, ibhodi yesaziso okanye esinye isakhiwo kumhlaba weHlathi likaRhulumente ngaphandle kwemvume.
Akukho mntu makaphazamisane nemisebenzi yolawulo kumhlaba weHalthi likaRhulumente, kwaye akukho kungena kungavunywanga okuvumelekileyo kuwo nawuphi na ummandla apho abasebenzi okanye izixhobo zisemsebenzini.
Akukho mntu makonakalise, asuse okanye enze uphawu okanye asayine elityeni, kumngundo, emthini okanye kuzo naziphina izityalo ezikumhlaba weHlathi likaRhulumente.
Nawuphi na umntu ozingela okanye oloba ngaphandle kwemvume, okanye elinye igunya elisemthethweni, obulala okanye oqokelela nasiphi na isilwanyana, intaka, isinambuzane, intlanzi okanye into ephilayo unetyala lokwaphula umthetho.
Ukutyisa izilwanyana zasendle kuyathintelwa.
Imipu, amazembe, iizaphetha kunye nezinye izixhobo ekunokuzingelwa ngazo kumhlaba weHlathi likaRhulumente azivunyelwa, ngaphandle kokuba kuvunyelwene ngemvume yokuzingela.
Izinja okanye ezinye izilwanyana zasekhaya kunye nezilwanyana azivunyelwa kumhlaba weHlathi likaRhulumente, ngaphandle kwamahashe, ukuba avunyelwe ukuba kusetyenziswe itreyile zamahashe.
Ukudada kunye nokuloba kuvunywe kuphela kwezo ndawo zimiselwe loo njongo.
Ukumisa iintente, ukuba kuyavunyelwa, kunyinelwe kuphela loo mimandla ikhethiweyo yokumisa iintente, kwaye kuphela ngokuhlawulwa kwemali ekufanele ihlawulwe.
Ukundulula okungagunyaziswanga, ukubhabha okanye ukuhlala kweenqwelomoya, ophephela, ii- hang gliders, inqwelomoya ezincinane, iibhaloni kunye nezambreli zokuhla zithintelwe kumhlaba weHlathi likaRhulumente.
Ukusebenzisa okanye ukuba nazo izitakantlantsi okanye nasiphi na esinye isiqhushumbisi kumhlaba weHlathi likaRhulumente kuyathintelwa.
Akukho mfanelo iya iyakunamathela kuRhulumente ngawo nawuphi na umonakalo kuyo nayiphi na ipropati yomnini wemvume ngenxa yeziphumo zomsebenzi owenziwe nguRhulumente okanye egameni lakhe okanye ngaso nasiphina isizathu nokuba sesiphi na, ngaphandle kokuba umonakalo onjalo ubangwe kukungakhathali kwicala labasebenzi bakaRhulumente ekwenzeni kwabo imisebenzi yabo yesiqhelo.
Umnini wemvume yimfanelo yakhe eyomonakalo kwimveliso yehlathi okanye kuyo nayiphi na ipropati kaRhulumente ebangelwe sisiphumo sako nakuphi na ukwenza kwicala lakhe.
Imithetho eyongezelelekileyo eyona yona isebenzayo kumaphepha eemvume okanye kwiimvume okanye aqulathwe kumaxwebhu awohlukeneyo, afuneka kule misebenzi ilandelayo:
Uhambo ngeenyawo nokukhwela iibhayisekile, ukumisa intente, imizila yee-4x4, ukuzingela, utyelelo lwezomoya/lwenkcubeko kunye namaqela akhokelwayo.
ABANINI BEEMVUME/IINKOKHELI ZAMAQELA YIMFANELO YABO EYOKUQINISEKISA UKUBA BONKE ABANTU ABAPHANTSI KWABO BAYAZIQONDA KWAYE BAYAZITHOBELA IIMEKO ZEMVUME KUNYE NEMITHETHO. NCEDA UQAPHELE UKUBA IIMVUME EZONGEZELELEKILEYO ZINOKUFUNWA KWIMISEBENZI ETHILE NGOKWEMIQATHANGO YEMITHETHO KAZWELOPNKE OKANYE YEPHONDO (OKUFANA NOKUZINGELA KUNYE NOKULOBA)
IMIBUZO, IIMAPHU OKANYE OLUNYE ULWAZI , NCEDA UQHAGAMSHELANE... (iGosa elonyuliweyo - umzekelo uSohlathi oyiNtloko, iDilesi, iNombolo yomNxeba, iFekisi, i-e-mail)
IDILESI :...
INJONGO YOKUNGENA: ...
Jonga uluhlu lwemisebenzi kwisiHlomelo A. Imvume inokusebenza kwisininzi semisebenzi ekwi-4
INANI LABANTU :...
Isininzi ngabantu aba- 5 ngemvume nganye. Amaqela akhokelwayo - Isininzi sabantu abangama-20 ngenkokheli yeqela ngalinye.
AMAGAMA ABANYE ABANTU APHO IMVUME ISEBENZAYO KUBO
Ayisebenzi kudidi lwesi-3 okanye kumaqela akhokelwayo:
Ngokwemiqathango yeCandelo le-19 & 20 lika-1998 lomThetho wamaHlathi kaZwelonke ( umThetho oyiNombolo yama-84 ka-1998), Ukungena kwiHlathi likaRhulumente kunyinelwe ummandla owonyuliweyo kwimaphu encanyathiselweyo (kunye/okanye kummandla ochaziweyo) kunye nangokungqinelana nemithetho edwelisiweyo. Nceda uqaphele ukuba izithintelo ezithile ezongezelelekileyo kule mithetho zinokusebenza kwimimandla yamahlathi athile, njengoko kukhonjisiwe kwiimpawu, kwiimaphu, kumaphetshana okanye kolunye ulwazi olufumanekayo kuwonke-wonke.
ISONGEZO
UHLOBO LOKUNGENA
Le mvume isebenza kwenye yezi ntlobo zokungena zilandelayo njengoko zibalulwe ngumfaki sicelo, kuxhomekeka kwizibonelelo ezikhoyo okanye uluhlu lwemisebenzi evunyelwayo..
ICandelo loku-1
Ukuhamba-hamba
Ukuhamba indlela ende yobumnandi ebusuku
Indlu yokuchitha ikhefu okanye indlu yabahambi
Ukubukela iintaka
Ukuhamba ngemoto ehlathini
Enye (Balula)
ICandelo lesi-3
Umcimbi wezomoya/wamasiko
Utyelelo kwiindawo zezomoya/ezamasiko/ezembali
Imfundo ngokusingqongileyo
Ukhenketho olukhokelwayo
Ezinye (Balula)
PHINDA NGOLWIMI LWASEKHAYA:
Amacebo:
Ntshona Koloni: isiBhulu (62%)
